Libhengeziwe iqela loMzantsi Afrika elizakudlala kwitumente yehlabanti ngumbutho weqaqamba weli loMzantsi Afrika ICC T20 WORLD CUP

Libhengeziwe iqela loMzantsi Afrika elizakudlala kwitumente yehlabanti ngumbutho weqaqamba weli loMzantsi Afrika ICC T20 WORLD CUP

Language > Xhosa

  • U-Temba Bavuma kwiqela labaphathi beNdebe yeHlabathi
  • U-Victor Mpitsang umemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase iqela kwaye babakhuthaze kumdlalo wokugqibela
  • U-Keshav Maharaj ubandakanyiwe kwiqela
  • Oovimba abathathu abahambahambayo ukunika inkxaso kunye nokugubungela kwizikhundla eziphambili
  • Iqela leNdebe yeHlabathi liza kudlala neSri Lanka kwimidlalo emithathu elandelayo ye-T20 njengamalungiselelo aphambili

UTemba Bavuma uzakukhokela iiProteas kwitumente yesixhenxe yeNdebe yeHlabathi ka-2021 ICC Men’s T20 ezakudlalelwa e-United Arab Emirates (UAE) nase-Oman. Uza kuba ekhokela eliqela okokuqala eliqela  kusukela oko wathi wanikwa esi sithsaba sokuba ngumkhokeli osisigxina ekuqaleni kwalo nyaka nyaka.

UMzantsi Afrika uzilungiselele ngokuzenzekelayo kule tumente ngenxa yokuma kwindawo yesibhozo kwi-MRF Tires ICC Men’s T20I Player Rankings. Icandelo le-Super 12 lomsitho liza kuqhubeka ukusuka ngomhla wama-23 kweyeDwarha ukuya kowe-14 kweyeNkanga apho uMzantsi Afrika udlala eDubai, e-Abu Dhabi naseSharjah.

ICricket South Africa (CSA) iyavuya ukwazisa aba badlali balandelayo kwiqela elizakumela uMzantsi Afrika kwiNdebe yeHlabathi:

Temba Bavuma (captain, Imperial Lions), Keshav Maharaj (Hollywoodbets Dolphins), Quinton de Kock (wicketkeeper, Momentum Multiply Titans), Bjorn Fortuin (Imperial Lions), Reeza Hendricks (Imperial Lions), Heinrich Klaasen (Momentum Multiply Titans), Aiden Markram (Momentum Multiply Titans), David Miller (Hollywoodbets Dolphins), Wiaan Mulder (Imperial Lions), Lungi Ngidi (Momentum Multiply Titans), Anrich Nortje (Warriors), Dwaine Pretorius (North West Dragons), Kagiso Rabada (Imperial Lions), Tabraiz Shamsi (Momentum Multiply Titans), Rassie van der Dussen (Imperial Lions).

Oovimba Abahambahambayo

Andile Phehlukwayo (Hollywoodbets Dolphins), George Linde (Six Gun Grill Western Province), Lizaad Williams (Momentum Multiply Titans).

Abadlali abathathu abagciniweyo baya kuhamba neqela njengenxalenye yeenkqubo zonyango ze-ICC ze-COVID-19.

I-Proteas zizakuqubisana neqela lase Sri Lanka kwimidlalo emithathu ezayo yeT20 International series eColombo ukusuka ngomhla we-10 ukuya kowe-14 kweyoMsintsi lizakudlala ngandle  kukaLungi Ngidi, oshiyekileyo eMzantsi Afrika ngenxa yezizathu ezizezakhe. Baza kukhokelwa nguKeshav Maharaj, othathe isikhundla sobukapteni okwexeshana. Oku kuza emva komonzakalo kaBavuma nophuke ubhontsi wakhe wasekunene kwi-One-Day International (ODI) kwiveki ephelileyo.

“IPhaneli yoKhetho yeSizwe kunye nam sonwabe kakhulu ukubhengeza eli qela, esikholelwa ukuba liqela elizakubetha umhlaba wonke. Bekuxakekile kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo kwiiProteas kwaye besinexesha elaneleyo lokuvavanya ukhetho lwethu kwaye sonwabile ziziphumo, ”utshilo uMququzeleli wabaKhethi beCSA, uVictor Mpitsang.

Obambeleyo kwiCEO ye-CSA, uMnu Pholetsi Moseki uphawule wathi: “Siyavuyisana nabakhethi bethu ngokudibanisa iqela elikhuphisanayo, ngelixa sithatha ukwenzakala, uhlobo kunye nokulingana kweqela. Ngethamsanqa kwiqela lethu, endiqinisekileyo ukuba liza kwenza isizwe sethu sizingce. ”

UMpitsang wongeze ngelithi, “alikho ixesha elingcono kuneli lokuba sibuyise indebe ekhaya size sidibanise isizwe ngendlela enokwenziwa kuphela yimidlalo. Siyathemba ukuba abemi boMzantsi Afrika bazakuxhasa eli qela kwaye balivuyise yonke indlela eya kumdlalo wokugqibela. ”

“Siqinisekile ukuba sineqela elilinganayo nelicingelwe kakuhle leNdebe yeHlabathi, elinabadlali abagciniweyo abangaphezulu kwesakhono kwaye abaphezulu emsebenzini ukuba babizelwe loo nto. Iqela lidubule kakuhle phantsi kobunkokheli bukaTemba Bavuma kwaye sijonge phambili ekuboneni ukubuyela kwakhe kwinqanaba lamazwe aphesheya xa sele echache ngokupheleleyo ekonzakaleni.

“Egameni lePhaneli yeSizwe yoKhetho, ndingathanda ukunqwenelela uTemba nomqeqeshi, uMark Boucher konke okuhle njengokuba iqela liqhubeka nokugqibezela amalungiselelo alo eSri Lanka nanjengoko uTemba ejonge ukuphola ngokupheleleyo ekonzakaleni kwakhe,” uthe.

UMpitsang uthe ukubandakanywa kukaMaharaj kunika iqela umtya owongezelelekileyo kwisaphetha esijikelezayo, kunye neziqinisekiso zakhe zobunkokeli.

“UKesh yinkokeli ebalaseleyo. Unenkxaso yeqela kwaye nathi njengePhaneli. Ubonakalise ngaphezulu kobuchule bakhe bobunkokeli kwiiDolphins kwaye wasomeleza isigqibo sethu esifanelekileyo ngexesha le-ODI nxamnye neSri Lanka ephele ngoLwesibini.

“Ukapteni wakhe ongumzekelo yile nto sikholelwa ukuba yeyona nto ibaluleke kakhulu kuzinzo lweqela ngeli xesha lokugqibela lamazwe afunyanwa liqela phambi kweNdebe yeHlabathi.”

Ezinye iindaba ezimnandi zezokuba ukapteni uTemba Bavuma kulindeleke ukuba abhengezwe kufanelekile kwitumente.

“Ukuxela kwangaphambili kulungile kwaye kuyasivuyisa ukuba nenkokeli eyomelele ngolu hlobo kwiqela lethu elimanyeneyo, nelizimisele ukugqwesa nokwenza bonke abantu base Mzantsi Afrika bazingce,” uvale ngelo uMoseki.

ICC Men’s T20 World Cup Super 12

23 Oct: Australia v South Africa, Abu Dhabi (14h00)
26 Oct: South Africa v West Indies, Dubai (14h00)
30 Oct: South Africa v A1, Sharjah (14h00)
2 Nov: South Africa v B2, Abu Dhabi (14h00)
6 Nov: England v South Africa, Sharjah (18h00)

10 Nov: Semi-final 1 (A1 v B2), Abu Dhabi (18h00)
11 Nov: Semi-final 2 (B1 v A2), Dubai (18h00)
14 Nov: Final, Dubai (18h00)

*All times are local (GMT+4)

ENDS

Issued by: Cricket South Africa – Corporate Communications      


ABOUT CRICKET SOUTH AFRICA

Cricket South Africa (CSA), an affiliate of the South African Sports Confederation and Olympic Committee (SASCOC) and a full member of the International Cricket Council (ICC), is the national governing body for the sport of cricket in South Africa and administers all aspects of South African cricket, men and women, both in the professional and amateur spheres.