Maharaj no Philander basibuyisile isidima

Keshav Maharaj of South Africa reacts acknowledges fans during Day Three of the Second Test of the 2019 International Series between India and South Africa at the Maharashtra Cricket Association Stadium in Pune, India on 12 October 2019. ©Gavin Barker/BackpagePix

Keshav Maharaj of South Africa reacts acknowledges fans during Day Three of the Second Test of the 2019 International Series between India and South Africa at the Maharashtra Cricket Association Stadium in Pune, India on 12 October 2019. ©Gavin Barker/BackpagePix

Keshav Maharaj ekunye no Vernon Philander basibuyisile isidima salomdlalo babonakalisa noxanduva xa iqela labo iStandard Bank Proteas belisazama ukulungisa imeko abakuyo nalapho basajonge ukuligcina olukhupiswano lwe Freedom Series lusematheni. Lamadoda achithe ixesha le over ezingamashumi amane bekunye enkundleni besophula icwecwe lengqokelela yothinti wethoba ngemitsi abazenayo yekhulu elinethoba ePune ngomgqibelo.


Nangona bezamile iIndia isahamba phambili kulomdlalo kwaye bangaphambili ngemitsi engamakhulu amathathu mashumi amathathu anesibini. Ixesha lisabavumela lokuwuphumelela lomdlalo ngoba zesimbini iintsuku ezishiyekile kwaye akukacaci ukuba bazakuyinyazelisa ifollow-on. iIndia ihamba phambili ngo 2-0 kwimidlalo emithathu ebekiweyo kolu khupiswano.


Maharaj (72 off 132 balls, 12 fours) uqabele okokuqala namhlanje ngapha kwemitsi engamashumi amahlanu kwimidlalo yovavanyo kwaye akekho omnye kwiqela lakhe uyewasondela kuye ngemitsi kulamangeno, exela umsebenzi omhle owenziwa ngu Pat Symcox ngo 1998 kudlalwa ne Pakistan.

Amangeno we Proteas aphele engaphumanga uPhilander emile ku 44 ( 192 balls, 6 fours) naye namhlanje ecitha elona xesha wakhe wanalo engaphakathi enkundleni.


Kokwesibini kolutyelelo lamadoda asezantsi elinceda iqela labo ngophini kwaye kuzonyanzeleka lamadoda apha phezulu akhawuleze athathe uxanduva. Ingqokelela yakhe uMaharaj noPhilander yogqithe ingqokelela phakathi ku ka Senuran Muthusamy no Dane Piedt ka 91 wemitsi kumdlalo wokuqala. Maharaj udlale namhlanje aphantsi komonzakalo kwigxalaba lakhe lasekunene kodwa wakwazi ukuqhubekeka. Philander naye zikhona ibhola azifumeneyo emzimbeni.


Lamadoda mabini aityile ixesha kuomdlalo ngexesha eli abalichithileyo enkundleni nto leyo ethi mhlawumbi bangakwazi ukuqinisekisa lomdlalo uphela ntanganye.


Enye ingqokelela eyenze umahluko yindibano phakathi ku ka Faf du Plessis noQuinton de Kock (64 off 117 balls, 9 fours) eze nemitsi engamashumi asixhenxe anesihlanu. Umkhokheli kwakhona ufikile ngapha kwemitsi engamashumi amahlanu okwesibini kolutyelelo.