uRabada uyisokolisile iIndia

Standard Bank Proteas bowler Kagiso Rabada celebrates a wicket

Standard Bank Proteas bowler Kagiso Rabada celebrates a wicket

Kancinci kancinci uKagiso Rabada uyasondela kwelafuthe lakhe silaziyo xa ephethe ibhola esandleni kodwa ke noko abobaqhokrayo kwiqela le India bakwazile ukutshotsha ngentla ngosuku lokuqala kumdlalo vavanyo wesibini phakathi kwabo ne Standard Bank Proteas ePune ngolwesine.


iIndia incendwe kakhulu yindlela adlale ngayo uMayank Agarwal noyewabuya nekhulu lakhe lesibini kolukhupiswano (108 off 195 balls, 16 fours, 2 sixes) wakwazi nokudibanisa iingqokelela ebukekayo yekhulu elinamashumi amathathu anesibhozo ekunye noCheteshwar Pujara (58 off 112 balls, 9 fours 1 six) . Virat Kohli ufikile naye enkundleni (63 not out off 105 balls, 10 fours) waqinisekise ukuba iqela lakhe ligqiba kakuhle ngosuku lokuqala xa esongeza imitsi engamashumi asixhenxhe anesihlanu ekunye no Ajinkya Rahane.


Kwakhona itoss iphunyelelwe yiIndia bakhetha ukuqhokra kuqala kodwa ke abakhange bazifumane zonke i-over zabo namhlanje ngenxa yemozulu kwanyanzeleka amagqwetha omdlalo awumise umdlalo kude kube ngomso, bazakuqhubekeka ku 273/3.


Rabada khange aqale kakuhe namhlanje ngebhola, ujula zane i-no ball kodwa uthe wokufudumala kwavela lamfo simqhelileyo ojula ngesantya nangesivinini wakwazi ukuchola othinti abathathu encediswa ngu Faf du Plessis nogange kakuhle namhlanje pha ngemva kwamalalela.

Ebekhona amathuba wokuchola abanye othinti kwelakhe icala kodwa ke ingathi intlahla ibimnqabele namhlanje unkabi kodwa ukwazile ukugqiba namanani 3/48 kwi-over ezilishumi elinesibhozo.


Omabini lamaqela angene kulomdlalo wesibini ngokutyumba amadoda amathathu ajula ngesantya , iProteas zinika uAnrich Nortje ithuba lakhe lokuqala kulemidlalo engenela uDane Piedt. uNortje ngumfo wekhulu elinesithathu ukunxiba isikipa seProteas kulemidlalo.

Umahluko uyewacaca gca kwaba bajulayo kweloMzantsi iqela bekhokhelwa kakuhle nguKeshav Maharaj.


Ibhola entsha yesibini bayithathile kwaye bajule nje iibhola ezingamashumi amathathu ananye ngayo into ethi ngomso bazakuqala ngebhola esentsha.

Amanani wakhe uNortje awancumisi (0/60 in 13 overs) kodwa uyibonakalisile indima yakhe ngesantya ajule ngaso esingumangaliso uyokufika ku 150km/h.


Nokuba imicimbi ihambe njani kolutyelelo kuyacaca ngokwenene ukuba ikamva likhona kweliqela ngakumbi xa uquka nontozonke uSenuran Muthusamy.