"Asizokukhala ngenkundla zalapha" - Markram

Aiden Markram in training for the Standard Bank Proteas.

Aiden Markram in training for the Standard Bank Proteas.

Umfo oqhokrayo ngophini kwiqela iStandard Bank Proteas uAiden Markram uthe abazokukhala nge nkundla abazakudibana nazo ngoba bazive beliqela bezilungiselele ngokufanelekileyo ngoba bayazi qonda iimeko zokudlala eIndia kodwa basawaqhuba amalungiselelo wemidlalo emithathu yovavanyo ezakudlalwa phakathi kwabo ne India, owokuqala umdlalo ungomhla wesibini kuOctober 2019 kwibala iVisakhapatnam kodwa ke kusafuneka beqoshelise umdlalo wokuzifudumeza ne Invitational XI ngomso kwibala iVijayanagaram.


Khange bakwazi ukuqhuba amalungiselelo ngolwesithathu ngenxa yemvula kodwa lomfo oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala uvumile ukuba nangona abanye kweliqela basenenkumbuzo zotyelelo lwabo ku nyaka ka 2015 apho izinto zange zihambe kakuhle, bazakuzama ngandlela zonke ukungayicingi yonke lonto bajongane nomdlalo wabo.


“Ndiyakhumbula ndibukela ukhupiswano phakathi kwalamqela mabini ngo nyaka ka 2015, kukhangeleka kunzima impela. Ndiyayiqonda ukuba mhlawumbi abanye ababekho kweloqela abakhoyo nangoku basenazo iikumbuzo kwaye leyo yinto eqhelekileyo. Akululanga ukuza kwelicala le lizwe ngakumbi eIndia kodwa ke lonto izakusikhuthaza siliqela senze umsebenzi oncomekayo. Asizokukhala ngenkundla zalapha ngoba abanye sebenalo ufifi lwe nkunda zalapha.” utshilo lo mfo.


Markram sele edibene neqela iProteas emva kwekhulu azenalo kumdlalo wokugqibela phakathi kwe SA A ne India A eMysore. Lomdlalo uyewaphela nge draw kodwa iIndia A iluphumelele olukhupiswano lwemidlalo emibini ngo 1-0 emva kophumelela owokuqala umdlalo ngothinti abasixhenxe. Nangona ewuncoma umsebenzi wakhe wekhulu uMarkram uyayivuma ukuba iinkundla azizokufana nezi bebedlala kuzo.


“Ndiziva ndisemdleni emva kokuchitha ixesha enkundleni ndikhangela imitsi kwaye izakundinceda lonto ukubheka phambili kodwa ndiyarhana ukuba iinkundla ezi sizakudlala kuzo ne India azizokufana nezi besidlala kuzo ne India A. Kodwa ke ndiyavuya ndikhe ndafumana ixesha ngaphakathi enkundleni , nabo aba bajulayo basebenzile kwelabo icala yiyo lonto ndiziva ndisemandleni.” ucacisile.


“Ewe kweziveki zidlulileyo ndicithe ixesha neqela iSA A kodwa ndiziva ndikhululekile kakhulu ngoku ndilapha kwiqele iProteas. Libhongo negugu kum ukudlalela eiqela.”


Iqela iProteas litshintshile emva kwabadlali abanintsi bethathe umhlala phantsi , kukho nabaqeqeshi abatsha nabadlali abasaze ngobuso kodwa lonto uthi uMarkram ayizobachaphazela.


“Kumnandi ubalapha kweliqela, banintsi abadlali abafumana ithuba labo lokuqala, nabaqeqeshi abatsha. Umfutho wona uphezulu kumntu wonke nto eyo endinika umdla xa sijonge kolu khupiswano.”


Standard Bank Test squad: Faf du Plessis (Multiply Titans, capt), Temba Bavuma (Imperial Lions, vice-capt), Theunis de Bruyn (Multiply Titans), Quinton de Kock (Multiply Titans), Dean Elgar (Multiply Titans), Zubayr Hamza (World Sports Betting Cape Cobras), Keshav Maharaj (Hollywoodbets Dolphins), Aiden Markram (Multiply Titans), Senuran Muthusamy (Hollywoodbets Dolphins), Lungi Ngidi (Multiply Titans), Anrich Nortje (Warriors), Vernon Philander (World Sports Betting Cape Cobras), Dane Piedt (World Sports Betting Cape Cobras), Kagiso Rabada (Imperial Lions), Heinrich Klaasen (Multiply Titans).