Kohli noMiller baluvusile ukhupiswano lwe T20

India's Virat Kohli

India's Virat Kohli

Virat Kohli no David Miller namhlanje bazibonakalisile namhlanje ukuba kutheni bebalulekile kulomdlalo kwaye kutheni bethandwa kange ngabalandeli ngendlela engumangaliso abazinyuse ngayo ekugangeni ibhola namhlanje kumdlalo wesibini we T20 International phakathi kwe Standard Bank Proteas ne India eMohali.


India iwuphumelele lomdlalo wanamhlanje ngothinti abasixhenxe beneover enye eshiyekileyo nto leyo ethi bahamba phambili ngo 1-0 kuthotho lwemidlalo emithathu ebekiweyo phakathi kwawo lamaqela, owukuqala umdlalo eDharamsala khange udlalwe ngenxa yemvula ngoku kujongwe owesithathu nowokugqibela eBangaluru nge cawa.


Umsebenzi omhle awenzileyo uKohli wokuganga ibhola ebiselimshiyile iyeyatshintsha umdlalo ngokhawuleza ngoba ibinguthinti womkhokheli woMzansi Afrika uQuinton de Kock (52 off 37 balls) kwixesha apho bebechola imitsi ngesantya esiphezulu yena no Temba Bavuma (49 off 43 balls) nobedlala umdlalo wakhe wokuqala kwimidlalo ye T20I kwaye bekukhangeleka ingathi bangabeka ityala eliphezulu.


India khange iyeke apho, bakhawuleze bakhangela lamadoda anobungozi ngebhola bajika nesantya kwibhola ezithile nto leyo ezenobunzima kwi Proteas ngoba badibanise u61 wemitsi qha kwiibhola ezingamashumi amahlanu anesine emva koko.

Andile Phehlukwayo no Dwaine Pretorius bakwazile ukuyixhoma ibhola ngapha kwamalaphu kwi over yokugqibela kodwa lona ityala li ka 150 belingonelanga.


Lamaqela ebentanganye emva kwe over ezilishumi elinesine ku 105/3 umahluko ungekho mkhulu phakathi kwabo. India kwelabo icala ithemba khange liphela esamile uKohli enkundleni nogqiba ku 46* engaphumanga eqinisekisa iqela lakhe liyawuphumelela lomdlalo lula.


Nangona bebethiwe, uMiller uyewaziphakamisa naye phantsi ezinyusa phezulu , wasikhupha isandla sakhe ukuganga ibhola esemalaphini, umfuthu wanyuka ngokhawuleza kwi Proteas apho imitshoba ibisezantsi ixeshana, wazifumanela i- “50th catch” yakhe kwimidlalo ye T20 International kwa kwibala idlala kulo kwi Indian Premier League.


Namhlanje iProteas zinike ithuba lokuqala kwabadlali abathathu apho iyeyangu Bavuma otshotsha entla ngomdlalo kwabo. Indlela achola ngayo imitsi iyancumisa kwaye naye kwelakhe icala Bjorn Fortuin angancuma ngomdlalo wakhe wanamhlanje.

Nje ngesiqhelo lamadoda ajula ngesantya wona abethiwe namhlanje kodwa uAnrich Nortje uyijulile ngesantya esimangalisayo uyokufika ku 150km/h kodwa zinintsi izinto azakuziphawula azifunde emva kwalomdlalo wanamhlanje.