Amakhulu amabini avele no Taylor no Beaumont anike amangesi impumelelo.

HOVE, ENGLAND - JUNE 12: Tammy Beaumont of England celebrates her century with team mate Sarah Taylor during the ICC Women's Championship 2nd ODI match between England Women and South Africa Women at The 1st Central County Ground on June 12, 2018 in Hove, England. (Photo by Charlie Crowhurst/Getty Images)

HOVE, ENGLAND - JUNE 12: Tammy Beaumont of England celebrates her century with team mate Sarah Taylor during the ICC Women's Championship 2nd ODI match between England Women and South Africa Women at The 1st Central County Ground on June 12, 2018 in Hove, England. (Photo by Charlie Crowhurst/Getty Images)

Amakhulu avele no Sarah Taylor no Tammy Beaumont ancede iqela labo kwimpumelelo yemitsi engamashumi asithandathu anethoba nto leyo ethi lamaqela antanganye ngo 1-1 kuthotho lwemidlalo emithathu yosuku olunye phakathi kwabo ne Momentum Proteas Women eHove ngolwesibini.

Abasingathi babeke ityala elikhulu lika 331/6 emva kocelwa baqhokre k'qala. Taylor uze namanqina wenkomo alishumi elinesithathu uyokufika kwikhulu lakhe (118 off 106 balls) Beaumont naye kwelakhe icala wadibanisa amanqina alishumi elinesibini uyokufika kwelakhe ikhulu (101 off 109 balls).Heather Knight(24) Amy Jones(29) no Danielle Wyatt(20) bongezile nabo ngophini kwelityala balibekileyo.

Khange kubelula kwabatyeleli kulomdlalo ngoba bayileqile ibhola hayi nje kancinci. Marizanne Kapp (2/48), Ayabonga Khaka(2/72) no Shabnim Ismail(2/78) bazamile kwelabo icala ngokuchola othinti.

Ukuleqa ityala lika 332 ibangumsebenzi omkhulu kakhulu kwaye osisi balapha ekhaya baqale kakuhle kakhulu ngengqokelela ka 142 yemitsi phakathi kwaba bavulayo ngophini uLizelle Lee no Laura Wolvaardt(32). Lenzwakazi ya kwa Lee igqamile kwakhona ngophini wazicholela ikhulu lakhe lwesibini kwimidlalo yosuku olunye phofu emva komsebenzi omhle ka 92* aze naye kumdlalo wokuqala ngomgqibelo. Ugqibe namanani 117 kwibhola ezilikhulu elinesixhenxe.

Chloe Tyron ufikile naye enkundleni wabeka u44 wemitsi okhawulezileyo, kwibhola ezingamashumi amabini anesithandathu kodwa uthe esaqhuba njalo kwagangwa ngu Wyatt kwibhola esuka ku Sophie Ecclestone. Ecclestone ugqamile kwaba bajulayo wagqiba namanani 3/54 kwezakhe i-over , Brunt 2/34 no Laura Marsh 2/53 badibanisile nabo kwelabo icala.

Lamaqela omabini azakuzinikelo konke xa bedibana kwakhona ngolwesihlanu xa bezakudibana kwak kumdlalo wokugqibela, umdlalo uyaqala ngentsimbi yesithathu ku Supersport.


Momentum Proteas squad:

Dané van Niekerk (captain, Eastern Province), Lizelle Lee (North West), Chloe Tryon (KwaZulu-Natal Dolphins), Mignon du Preez (Northerns), Marizanne Kapp (Eastern Province), Shabnim Ismail (Gauteng), Ayabonga Khaka (Gauteng), Raisibe Ntozakhe (Gauteng), Suné Luus (Northerns), Laura Wolvaardt (Western Province), Stacey Lackay (Western Province).

Management:
Hilton Moreeng (Head Coach), Salieg Nackerdien (Assistant Coach), Sedibu Mohlaba (Manager), Abram Ramoadi (Performance Analyst), Russell Clarke (Strength & Conditioning Coach), Molebatsi Theletsane (Physiotherapist), Sipokazi Sokanyile (Media Liaison).


Tour Itinerary

ICC Women’s Championship Royal London ODIs v South Africa
15 June Third ODI v South Africa – Canterbury (D/N), 2pm start