Rabada uyibeke bucala iAustralia

Standard Bank Proteas captain Faf du Plessis  celebrates with Kagiso Rabada

Standard Bank Proteas captain Faf du Plessis celebrates with Kagiso Rabada

Kagiso Rabada ulikhokhele kakuhle iqela lakhe iStandard Bank Proteas apho ebechola uthinti ka Mitchell Marsh ngebola yokugqibela yosuku kwacaca apho ubheka khona lomdlalo xa kusiyiwa kusuku lokugqibela eSt Georges Park ngomvulo, iProteas ziwuphumelele lomdlalo namhlanje no phakathi kwabo ne Australia bebabetha ngothinti abasixhenxe.

Rabada uyewongeza abathathu namhlanje iProteas zajongana netyala lekhulu elinanye.

uRabada ugqibe namanani 6/104 ezicholela othinti abalishumi okwesine kwimidlalo vavanyo kwaye ungemva ngetyeli elinye ku ka Dale Steyn.

Usenokuguqula amakhasi lomfo atshintshe izibhalo ophule namacwecwe kwincwadi zalapha ekhaya ngoba lomfo uneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala enemidlalo engamashumi amabini anesibhozo ayidlalileyo.

Unothinti abangamashumi amathathu kwimidlalo emihlanu kulonyaka kwaye yi 10-fer yakhe yesibini kule season.

Ledyongwana iyeyawongwa ngembasa ye Sunfoil Man of the Match ngamanani 11/150 nangona belikhona ikhulu azenalo uAB De Villiers.

Eyonanto eliqela abanokuyijonga kulimdlalo kukubaluleka kwegalelo lamadoda anamava, uDe Villiers no Rabada bayenzile lonto.

Lamaqela azakudibana ePPC Newlands kumdlalo wesithatu ngolwesine kwiveki ezayo ze owokugqibela bawudlale eRhawutini kwibala iBidvest Wandarers nge mpela veki yepasika.