AB De Villiers ulibeke kwindawo yokulawula iqela lakhe iProteas

PORT ELIZABETH, SOUTH AFRICA - MARCH 11: AB de Villiers of South Africa celebrates scoring 100 runs during day 3 of the 2nd Sunfoil Test match between South Africa and Australia at St Georges Park on March 11, 2018 in Port Elizabeth, South Africa. (Photo by Ashley Vlotman/Gallo Images)

PORT ELIZABETH, SOUTH AFRICA - MARCH 11: AB de Villiers of South Africa celebrates scoring 100 runs during day 3 of the 2nd Sunfoil Test match between South Africa and Australia at St Georges Park on March 11, 2018 in Port Elizabeth, South Africa. (Photo by Ashley Vlotman/Gallo Images)

AB De Villiers usebenzile kakhulu namhlanje xa eziqhokrela ikhulu lakhe lesithandathu edlala neAustralia kunjalo nje wongeza kweyakhe ingxowa yamakhulu angamashumi amabini anesibini kwimidlalo vavanyo. Ukwazile ukudibanisa iingqokelela ezibalulekileyo nalamadoda asemsileni namhlanje ngosuku lwesithathu kumdlalo vavanyo wesibini phakathi kwe Standard Bank Proteas ne Australia eBhayi kwibala iSt Georges Park walibeka iqela lakhe kwindawo yokulawula lomdlalo ukubheka phambili.

Intsebenziswano ka De Villiers nalamadoda asemsileni ibeke iProteas ngaphambili ngo 139 wemitsi kwamangeno wokuqala kodwa uUsman Khawaja noMitchell Marsh bakwazile ukuxhathisa balibeka bucala elityala. Usuku luphele iAuatralia ngamafutshane inemitsi engamashumi amane ananye bephulukane nothinti abahlanu kwaye kushiyeke ii-over ezilishumi elinesixhenxe kuthathwe ibhola entsha yesibini.

iAustralia izamile ukusokolisa lomfo wa kwa De Villiers (126 runs off 146 balls, 20 fours 1 six) kodwa nje ngesiqhelo udlale ingathi udlala kwinkundla eyahlukileyo ngendlela aqhube ngayo wakhawuleza ukufumana imitsi ngesantya esitshintshe umdlalo kodwa ilishwa lakhe ibikuphela kwamadoda wokumncedisa xa owokugqibela uLungi Ngidi ephuma nge run out.

Lamakhulu asixhenxe anawo ngoku xa kudlalwa ne Australia imbeka pha phezulu ngaphambili ku ka Graeme Pollock, Eddie Barlow, Hashim Amla no Jacques Kallis abanamahlanu bona. Lamakhulu angamashumi amabini anesibini imbeka kwindawo yesine, ngaphambili ku ka Gary Kirsten, kwitafile yabaqhokri abanamakhulu kulemidlalo kweli la lapha ekhaya. Kallis, Amla no Graeme Smith bangaphambili.

Xa ujonga apho ukhoyo lomdlalo elikhulu azenalo ungalithelekisa pha phezulu neli walifumana ngo 2008 ePerth edlala neAustralia kwamangeno wesine beleqa ityala elingapha kwamakhulu amane, na lapho wayengakhutshwanga.

Eyonanto encomekayo lomfo akakakhutshwa ngamadoda ajulayo. Uphume nge run out kumdlalo wokuqala eThekwini wagqiba engaphumanga kwamangeno wokuqala, na kulo umdlalo ugqibe engaphumanga.

Kumdlalo wokuqala lamadoda asemsileni azenemitsi elishumi elinesibini kwamangeno wokuqala, bazaneshumi elinesihlanu kwamangeno wesibini. Umahluko ubukhona kulo umdlalo ngoba othinti abane bokugqibela ba ze no 199 wemitsi kwaye singawulibali umsebenzi ka Kagiso Rabada wokuxhathisa kwingqokelela yakhe ka 45 noDean Elgar kwamangeno wokuqala.

Eli ikwalikhulu lakhe lokuqala uDe Villiers kule season kwaye uncediswe kakuhle nguVernon Philander (36 runs off 85 balls, 5 fours) noKeshav Maharaj nochole uthinti omkhulu ka Steve Smith (30 off 24 balls, 3 fours 2 sixes).

Rabada uyaqhubekeka ngomsebenzi omhle xa esongeza abathathi othinti kwaba bahlanu azenabo kwamangeno wokuqala.Ujule ngendlela ephucukileyo ngebhola entsha wachola uthinti wendoda enobungozi uDavid Warner. Ukwazile ukophula ingqokelela ibisiza kakuhle ka 87 phakathi ku ka Mitchell Marsh no Khawaja, wawakhupha omabini lamadoda uShaun Marsh noUsman Khawaja.

Namhlanje ibilusuku lweqakamba elisezingeni eliphezulu ngoba sibone imitsi engamakhulu amathathu kusiwa othinti abasibhozo.