Faf uyazingca ngeqela lakhe nangona bebethiwe

 Ottis Gibson (Coach of the Proteas) and Faf du Plessis of the Proteas

Ottis Gibson (Coach of the Proteas) and Faf du Plessis of the Proteas

Umkhokheli weqela iStandard Bank Proteas, uFaf du Plessis, uthe uyizangca ngeqela lakhe emva kokubethwa yi Australia ngo 118 wemitsi kumdlalo wovavanyo wokuqala eSahara Kingsmead ngomvulo.iProteas zilwile kwamangeno wesibini ngendlela abajule ngayo nangendlela abaqhokre ngayo baqinisekisa lomdlalo uyafika kusuku lwesihlanu wavuma ukuba khange badlale kakuhle kwamangeno wokuqala.

Du Plessis uyavuma akumnandanga ukubethwa kodwa uthi zikhona izinto abaziqapheleyo nezincumisayo abazakungena nazo kumdlalo weaibini oqala eSt George's Park eBhayi ngolwesihlanu.

"Khange siqale kakuhle kwamangeno wokuqala, sizichane apho kodwa sifunde lukhulu kulomdlalo. Ukuba uyaqaphela omabini lamaqela azibhaqe ephantsi ku 160 ephulukene nothinti abahlanu lonto ithi kuzonyanzeleka sikwazi ukubaqoshelisa xa ithuba likhona" utshilo umkhokheli ngendlela abaziva ngayo ngalomdlalo.

"Ababajulayo kuzonyanzeleka bathathe uxanduva ukubheka phambili. Xa ukwazile ukufika enkundleni wadibanisa imitsi kubalulekile uhlale wongeze imitsi ebukekayo. Ndiyalincoma eliqela ngendlela esijule ngayo ngokubakhupha ngo 200 kwamangeno wesibini kwaye naba basebatsha bazibonakalisa ngophini nangendlela abaxhathise ngayo." ucacisile.

Eyonanto encumisayo kulamdlalo wokuqala sisidima nomonde obonakaliswe ngaba basebatshe ngakumbi uAiden Markram nendithemba ukuba izakumnika umdla ukubheka phambili kolukhupiswano.

"Lomfo udlale kakuhle kakhulu. Amaxesha amanintsi akubikholula xa uphantsi koxinzelelo kodwa lomfo uxhathisile wasisondeza. Kgange izinto zihambe kakuhle kwicala lakhe phakathi kwethu ne India azahamba kakuhle impela xa kuphuma uAB de Villiers nge run out. Ukwazile ukuyilibala yonke lonto waqhubekeka ukubheka phambili nto leyo endincumisayo mna nebonakalisa apho akhoyo lomfo kumdlalo wakhe" utshilo uFaf ngekhulu elivele noFaf du Plessis.



The squad will travel to Port Elizabeth on Tuesday ahead of the second Sunfoil Test match starting on Friday. Details of the training and media schedule are below:

Tuesday, 6 March

South Africa travel to Port Elizabeth and have no training or media activities scheduled.

Wednesday, 7 March

South Africa will hold a practice session at St George’s Park from 14h00 – 17h00.

A player will be made available to the media before training at 13h30.

Thursday, 8 March

South Africa will hold a practice session at St George’s Park from 09h30 – 12h30.

Faf du Plessis will hold his pre-match press conference at approximately 12h00 after practice. Media are advised to arrive early in case practice finishes early.


Friday, 9 March – Tuesday, 13 March

2nd Sunfoil Test Match

South Africa v Australia, St George’s Park 10h00