Australia phumelele umdlalo wokuqala

Mitchell Starc

Mitchell Starc

Australia ithetha iibhola ezingamashumi amabini anesibini nemizuzu engamashumi amabini ukusonga umdlalo wokuqala we Sunfoil ngemitsi elikhulu elineshumi elinesibhozsi xa bebetha iStandard Bank Proteas ngomvulo kwibala iSahara Kingsmead eThekwini.

Quinton de Kock (83 off 149 balls, 11 fours) no Morne Morkel bongeze imitsi emihlanu namhlanje kodwa yachithwa yonke lonto ngu Josh Hazlewood (3/61) xa ekhupha uDe Kock nge LBW esongeza kumsebenzi omhle owenziwe ngu Mitchell Starc ogqibe namanani 9/109 kulomdlalo.

Starc uyewawongwa ngembasa ye Man of The Match ngendlela ajule ngayo. Umahluko phakathi kwalamqela ubonakele kwamangeno wokuqala ngoba iAustralia ikwazile ukongeza ikhulu lwemitsi ngalamadoda asemsileni iProteas zona azakwazi ukuphendula beqosheliswa ngu Starc pha emsileni.

Ikhulu azenalo uAiden Markram kulomdlalo limbeke kwindawo yesini kwamadoda akhe afumana ikhulu kumdlalo wabo wokuqala ne Australia kwamaqela alapha ekhaya ngaphambili. Eddie Barlow, Jacques Rudolph no Faf du Plessis ngamanye walomadoda.

Ingxowa ye Sunfoil Education Trust yonyukile nayo yayokuhlala ku R254 000 ngenxa yebhola ezifikileyo emalaphini.

Umdlalo wesibini uyaqala ngolwesihlanu eBhayi kwibala iSt George's Park.