AB UZIZAMELE KODWA iAUSTRALIA INGENTLA

DURBAN, SOUTH AFRICA - MARCH 02: AB de Villiers of the Proteas during day 2 of the 1st Sunfoil Test match between South Africa and Australia at Sahara Stadium Kingsmead on March 02, 2018 in Durban, South Africa. (Photo by Lee Warren/Gallo Images)

DURBAN, SOUTH AFRICA - MARCH 02: AB de Villiers of the Proteas during day 2 of the 1st Sunfoil Test match between South Africa and Australia at Sahara Stadium Kingsmead on March 02, 2018 in Durban, South Africa. (Photo by Lee Warren/Gallo Images)

Australia ihambela phezulu emva kwentsuku ezimbini kumdlalo wovavanyo wokuqala we Sunfoil Series phakathi kweqela iStandard Bank Proteas ne Australia kwibala iSahara Kingsmead ngolwesihlanu. Iqela la lapha ekhaya lisokole namhlanje ukudlula kwi follow on kwaye basekude kakhulu kwityala elibekiweyo.

AB de Villiers ufikile enkundleni wabonakalisa adume ngazo nomonde kodwa uyewabukela kusiwa othinti kwelinye icala. Umonakalo uqalwe ngu Nathan Lyon kwalandela ubuchule be swing-bowling eze no Mitchell Starc.

De Villiers (71 off 127 balls, 11 fours) uvinjiwe ithuba lokufika kwikhulu lesixhenxe edlala ne Australia xa kuphela amathemba kwelinye icala lokumncedisa ukukhupha iqela lakhe phantsi koxinzelelo bade bayaphuma bonke ngo 162 kwii over ezingamashumi amahlanu anesibini. Lonto iyeyashiya ityala elikhulu kakhulu kwamangeno wokuqala, iAustralia izakuvuka ngomso yongeze ku 189 oshiyiweyo ziProteas.

Aiden Markram ufikile enkundleni wazama naye ngemitsi engamashumi amathathu anesibini. Starc ugqibe lamangeno wokuqala namanani 5/34 kwii over ezilishumi elinebhola ezine, Lyon kwelakhe icala wagqiba namanani 3/50.

uStarc kwanamhlanje uqale ngophini xa esongeza imitsi ekhawulezileyo kwingqokelela yakhe noMitchell Marsh engamashumi amane anethoba eyeyabeka iAustralia kwindawo yokulawula lomdlalo. Umfana wakwa Marsh (96 off 173 balls,13 fours & 1 six) udlalile naye eyonandima xa bemkhupha enemitsi emine eshiyekileyo eyokufika kwikhulu lakhe lesithathu.

Keshav Maharaj (5/123) uchole okwesine othinti abahlanu kwamangeno kwaye khange yothuse mntu xa uStev