Maharaj uzikhelele kumdlalo wakhe wokuqala eKingsmead

Keshav Maharaj of the Proteas celebrates the wicket of Shaun Marsh of Australia with Faf du Plessis of the Proteas during day 1 of the 1st Sunfoil Test match between South Africa and Australia at Sahara Stadium Kingsmead on March 01, 2018 in Durban, South Africa. (Photo by Lee Warren/Gallo Images)

Keshav Maharaj of the Proteas celebrates the wicket of Shaun Marsh of Australia with Faf du Plessis of the Proteas during day 1 of the 1st Sunfoil Test match between South Africa and Australia at Sahara Stadium Kingsmead on March 01, 2018 in Durban, South Africa. (Photo by Lee Warren/Gallo Images)

Keshav Maharaj uzikhelele kumdlalo wakhe wokuqala kwibala iSahara Kingsmead xa echola uthinti ka Steve Smith no Shaun Marsh ngosuku lokuqala kumdlalo wokuqala wovavanyo we Sunfoil Test phakathi kweqela lakhe iStandard Bank Proteas ne Australia ngolwesine.

Umdlalo uyewamiswa ngamagqwetha omdlalo ngenxa yemozulu iAustralia imile ku 225/5 kunjalo nje umdlalo awukacaci uyelele kweliphi icala kwaye kuyabonakala le inkundla kudlalwa kuyo ezakuza nemitsi emikhulu.

iProteas azikwazanga ukuyofika kwibhola yesibini ngenxa yemozulu, apho bebejonge ukugqobhozo kula ashiyekileyo amadoda ngalo bhola intsha yesibini.

Maharaj udlale indima enkulu kakhulu namhlanje emva kwesigqibo esithathiwe nguDu Plessis sokudlala amadoda amane ajulayo enika uTheunis de Bruyn ithuba kwindawo yesixhenxe, lendoda ejika ibhola igqibe namanani 2/69 kwi over ezingamashumi amabini anesine.

iAustralia ayikwazanga ukuhambela phezulu ngenxa yendlela abancedisane ngayo uMaharaj no Vernon Philander (2/36 kwi over ezilishumi elinesixhenxe).

Zimbini iingqokelela ezifike kwamashumi amahlanu anesithandathu kwi Australia, eyokuqala phakathi ku ka David Warner (51 off 79 balls, 6 fours) no Steve Smith (56 off 114 balls, 11 fours) eyesibini yeza no Smith ekunye no Shaun Marsh (40 off 96 balls, 6 fours).

Abanye khange bazenazingxaki kwi Proteas kodwa uTim Paine no Mitchell Marsh basaxhathisile enkundleni nengqokelela yabo engamashumi amane anesibhozo.