Osisi base India baluphumelele ukhupiswano lwe T20 eNewlands

India celebrate a wicket during the 5th Womens T20 International match between South Africa and India at PPC Newlands on February 24, 2018 in Cape Town, South Africa. (Photo by Luke Walker/Gallo Images)

India celebrate a wicket during the 5th Womens T20 International match between South Africa and India at PPC Newlands on February 24, 2018 in Cape Town, South Africa. (Photo by Luke Walker/Gallo Images)

India iluphumelele ukhupiswano lwe Cricket South Africa Womens T20 xa betywatyusha iMomentum Proteas ngemitsi engamashumi amahlanu anesine ePPC Newlands ngomgqibelo. Baliqongqothile elidabe lwemidlalo ngo 3-1 emva kwemvula ecithe owesine umdlalo ngolwesithathu eCenturion.

Mithali Raj uphakamise imbasa ye Man of the Match waphinda wawongwa eye Man of the Series emva kokubetha u62 okhawulezileyo kwiibhola ezingamashumi amahlanu
(8x4s & 3x6s) esongeza kweminye imitsi ayifumeneyo kolu khupiswano enemibini engaphaya kwamashumi amahlanu ngaphambili. 166/4 lamagqiyazana kwamangeno wabo xa beqhokra k'qala bencedwa nguye uRaj noJemimah Rodrigues (44 off 34 balls) no Harmanpreet Kaur (27* off 17balls).

Basokole aba balapha ekhaya osisi ukuchola othinti kweza over zokuqala. Marizanne Kapp (1/22), Shabnim Ismail (1/35) Ayabonga Khaka (1/41) ngabo bodwa abachole othinti, uKapp wongeza nge run out entle ka Veda Krishnamurthy (8) kwibhola yokugqibela kwamangeno wabo.

Xa kuthelekiswa bona abalapha osisi abaqalanga kakuhle ekuphenduleni ityala ngo phulukana nothinti abahlanu benemitsi engamashumi amane anesine ngaphakathi kwe over ezilithoba. Kapp ugqame yedwa wayokuma ku27 kwibhola ezingamashumi amabini ananye kwalandela uChloe Tyron neyakhe engamashumi amabini anesihlanu.

Shikha Pandey wase India ugqibe namanani (3/16) , Rajeshwari Gayakwad (3/26) no Rumeli Dhar (3/26) bachole othinti abalithoba phakathi kwabo ze yena uPoonam Yadav (1/25) wasonga olukhupiswano ngendlela ecwalileyo.