Maharaj uzicholele othinti abahlanu

Keshav Maharaj celebrates a wicket.

Keshav Maharaj celebrates a wicket.

Ngosuku lwesithathu kumdlalo vavanyo wokuqala eDunedin inxele elitswikila ibhola kwiqela le Standard Bank Proteas uyewazicholela othinti abahlanu kwiqela le New Zealand.

Bekukhangeleka ingathi iBlack Caps zingabeka ityala elikhulu kwamngeno wokuqala bencedwa ngumkhokheli wabo uKane Williamson nekhulu aliqhokrileyo kodwa uMaharaj uyewagqobhoza wasonga umsila kweliqela ngothinti abathathu wagqiba namanani 5/94 , New Zealand yama ku 341 kwamangeno wokuqala.

Ngelishwa lakhe uStephen Cook uyewaphuma ngebhola yesine kodwa xa kujongwa ngeliso lekati kuye kwacaca ukuba ibhola ayikhange ifike kuphini lakhe , ibiyebhola yesine leyo kwamangeno wesibini ityala ingu 33.

Dean Elgar (12) no Hashim Amla (23) bakwazile ukulungisa lomonakalo , nemizuzu engamashumi amabini ngenxa yamaginxiginxi umdalo umile, bayokubeka iProteas 38/1 ekupheleni ngosuku lwesithathu.

Chu kakuhle ekuqaleni kwamangeno wesibini , Amla wafumana umdla phamb' koba umdlalo umiswe ngenxa yemozulu iProteas zingaphambili ngemitsi emihlanu. Jeetan Patel uyewakhutshwa ngu Vernon Philander kwi-over yesithathu. , James Neesham walandela naye xa ekhutshwa ngu Morne Morkel obekade engaphandle inyanga ezilishumi elinesine.

Williamson no BJ Walting bakwazile ukufaka iProteas phantsi koxinzelelo xa bedibanise iimitsi engamshumi asibhozo anesine bayokubeka iqela labo ku 277/5 , Rabada wayichotha yonke lonto.

Williamson uyewakhutshwa ngebhola entle ka Rabada enemitsi elikhulu elinamashumi amathathu. Morkel uyewalandela wakhupha uMitchell Satner , Maharaj wachola othinti ababini bokugqibela wazicholela othinti abahlanu okokuqala kwimidlalo yyovavanyo enxibe isikipa se Proteas.

Neil Wagner uyewaqhokra imitsi engashumi amathathu anesibini ekhawulezileyo kodwa kuyacaca ukuba inkundla le iyatshintsha kwaye kulindeleke nemvula ngosuku lokugqibela.